Wikimedia Blog/Drafts/Open letter from the 12A students of Sinenjongo High School in South Africa/xh

From Meta, a Wikimedia project coordination wiki

Title

Incwadi ebhalelwe esihleni ngokuvulelwa kweWikhiphediya kubantu bonke.

KweyeNkanga ngeyamawaka amabini aneshumi elinesibini (2012), abafundi bakwisikolo samabanga aphezulu iSinenjongo, bàbhala incwadi engatywinwanga kuFacebook, bememelela abaququzeli beenkozo zonxibelelwano ukuba bavulele ukusetyenziswa kwekhasi uWikhiphediya kubantu bonke abasebenzisa iinkonzo zabo, ngaphandle kwendleko ezongezelelweyo, ukuze bona bafundi babenako ukuzuza ulwazi kuWikhiphediya lokwenza umsebenzi wesikolo. KuCanzibe ngeyamawaka amabini aneshumi elinesithathu (2013), umenzi wemidlalo bhanya-bhanya uCharlene Music kunye nam sàbongoza aba bafundi ukuba bafunde le ncwadi phambi kwekhemera ukuze senze umboniso malunga neli phulo.

Ezantsi nje apha nguloo mboniso:

Lo mboniso ukwakhona nakwikhasi uYoutube.com kunye nakwelikaVimeo.com. Iyafumaneka nenye inguqulelo yalo mboniso, ingenawo amagama atolikelwe kwisiNgesi, kwi-Wikimedia-Commons nakuYoutube. Umbhalwana ongezantsi komboniso, wakuwucofa, ukuthumela kwikhasi abafundi baseSinenjongo abaliqalileyo ngeli phulo.

Iindleko ze-intanethi zingumqobo kubantu abaninzi kakhulu, ekufumaneni ulwazi kuWikhiphediya. Aba bafundi babongoza abaququzeli beenkozo zonxibelelwano, ingakumbi abenkonzo zeemfono-mfono zezandla, ukuba bavulele uWikhiphediya kubathengi babo ngaphandle kwendleko. Eli phulo libizwa ngokuba yiWikipedia-Zero. Lubambiswano eliququzelelwa yiWikimedia-Foundation ukwenzala abantu abaneemfono-mfono zezandla babenako ukusebenzisa uWikhiphediya -bangadlelwa ezinkonzo- ingakumbi kumazwe asakhasayo.

Wakulunga umboniso obalisa ngeliphulo nangaba bafundi kunye notyelelo lwethu kubo (sisuka eMelika), sizakuwishicilela. Ngokusisawulungisayo lo mboniso mde, sikhangela oku kulandelayo:

1. Amavolontiya ambalwa anezakhono ngezakhono, ukuze ancedise ukutolika intetho kwezinye iilwimi, sizokwazi ukufaka amagqabantshinsthi kumboniso lo siwenzayo. [https://en.wikipedia.org/wiki/Official_languages_of_South_Africa Ngokomthetho nangophatho loMzantsi Afrika], kukho iilwimi ezilishumi elinanye ezigunyazisiweyo nguRhulumente eMzantsi Afrika. Ngoko ke sidinga amavolontiya azakuncedisa ekutolikeni, sitolikela kuzo zolishumi elinanye ezo lwimi, nezinye ilwimi abazaziyo, kangangoko sinako ukwenza.

2. Sidinga umlungiseli wemiboniso (motion graphics or digital artist) ongasinceda ekudwebeni nasekucwangciseni imibhalo, iimephu kunye namanani-oqikelelo (statistics) walo mboniso. Ukuba unomdla, uyakhuthazwa ukuba usibhalele kule imeyile: vgrigas(_AT_)wikimedia.org okanye unxibelelane nam kwikhasi lonxibelelwano lakwiWikhipedia (talk page) ku-User:Vgrigas.

3. Ukuba uyangqinelana naba bafundi, okanye uyahambisana nalo mbono weli phulo, siyakucela uwugqithise lo myalezo nalo mboniso umfutshane kumakhasi akho kwi-intanethi nakwizihlobo zakho.

Victor Grigas
Ozithobileyo (Umbhali welibali) Victor Grigas, wakwi-Wikimedia Foundation